IMossel Bay
Akukho kuNgxama, Akukho kuXhalaba
Idolophu yelizwe engenkulu kuyaphi kuNxweme lweGarden Route kanye phakathi naphakathi (kwii-400 km kuhola wendlela, u-N2) phakathi kweKapa, ikomkhulu lePhondo leNtshona Koloni, kunye neBhayi, ikomkhulu laseMpuma-Koloni. Iindawo ezitsala umdla kakhulu ziquka amanxweme angama-24 (onokudada kuwo kwiindawo ezilungiselelwe oko), ikhompleksi yemyuziyam, indawo yokubukela iminenga (whales), untywilo oluvalelweyo kwindawo enookrebe (shark cage diving), ukubukelwa kwendalo okungenaxhala lasifo semalariya kunye neendawo zokudlala amakhuphiswano aphezulu egalufa. Izibuko elidala elibukekayo (elona zibuko lorhwebo lincinci eMzantsi Afrika), ukubukela uLwandle okonwabelekayo kunye nentlaninge yezakhiwo zamatye zembali zizinto ezenza indawo yaselwandle ebukeka ngokuzolileyo.
IMossel Bay yindawo ethandwa kakhulu yotyelelo lweeholide zehlobo, ngakumbi ngabo bantetho isisiBhulu baseMzantsi Afrika yaye ithanda ukuxakeka kakhulu ngethuba leKrismesi (phakathi kuDisemba ukuya phakathi kuJanyuwari) – kodwa, njengokuba ineentsuku ezingaphezu kwama-300 ezinelanga ngonyaka, imozulu ephantse ibe yeyona ifanelekileyo yale dolophu iyenza ibe yindawo yotyelelo ngawo onke amaxesha onyaka. Amaqondo obushushu asemini aphakathi kuka-26o C ehlotyeni kunye no-19o ebusika; amaqondo obushushu aphakathi asebusika ngamanani onwabelekayo aphakathi kwe-12o ehlotyeni kunye ne-8o ebusuku; iqabaka inqabile yaye ikhephu alaziwa, ngaphandle kwakwiincopho zeeNtaba zeOuteniqua, kwii-60 km ukuya emantla. Nxiba iimpahla ezingeshushwanga, isikhuseli-langa kunye nomnqwazi ehlotyeni kunye neempahla ezininzi ebusika, ngelixa usenokukhulula ude ushiyeke nesikipha emini emaqanda.













