IMossel Bay
Akukho kuNgxama, Akukho kuXhalaba


Phakathi kwezona ndawo zitsala umdla ngamanxweme ayo (+27(0)44 606 5000; admin@visitmosselbay.co.za).UNxweme iSantos (enendawo yokudada eyi-1 km), uNxweme iDias need Bakke, onke akumgama ongahanjwa ngeenyawo zombindi wedolophu nezinye iindawo ezinika umdla omkhulu. IPoint (ekwi-1 km ukusuka kumbindi wedolophu – i-CBD) inedama lokuqubha elityekezelwa lulwandle (tidal pool), indawo yokuhamba ngeenyawo ematyeni emgama uzii-3 km, iindawo zokudlala abantwana, iindawo zokutya (+27 (0)690 5247; www.delfinos.co.za) kunye neyona ndawo intle isemhlabeni yokubukela iminenga. Xa uqhubeka uhamba, khanga-khangela uNxweme iHartenbos olubude buyi-6 km (ukuqhuba kwemizuzu engama-20 ukusuka kumbindi wedolophu) neDana Bay (imizuzu engama-45 ukusuka kumbindi wedolophu). ISt Blaize Lighthouse ivulelwa utyelelo unyaka wonke (+27(0)4 690 3015 www.npa.co.za).Ezinye iindawo ezinika umdla ziquka iBarnyard Theater (+27(0)44 698 1022; www.thebarnyard.co.za ), utyelelo olusuka kuMzi-mveliso weBelgian Chocolate (+27 (0)44 960 4108), iNdawo yobuGcisa noMsebenzi weZandla (Arts & Culture Workshop) (+27(0)44 691 1761) yaye ukuba ufuna ulonwabo nempilo yasehlathini (gaming), iGarden Route Casino (+27(0) 44 606 7777; www.gardenroutecasino.co.za)

IGALUFA: Imizuzu emi-3 yokuqhuba usuka kwelezoKhenketho eMossel Bay, ungalubona ulwandle kwindawana nganye (every tee) yomngxuma i-18, par 72 (i18 hole, par 72) eNdawo yokudlalela iGalufa yaseMossel Bay (Mossel Bay Golf Course) (+27(0)44 691 2379; www.mosselbaygolfclub.co.za). Ezinye iindawo zokudlala amakhuphiswano egalufa (championship courses) ziquka iFancourt (ekwii-40 km ukusuka kumbindi wedolophu) neGeorge (ii-45 km). Ulwazi olongezelelweyo ngeendawo zokudlalela igalufa kwingingqi yeGarden Route zifumaneka kwelezoKhenketho zaseMossel Bay.