IMossel Bay
Akukho kuNgxama, Akukho kuXhalaba
Uhola wendlela ebanzi kazwelonke, nehlala ilungiswa, u-N2, yeyona ndlela idibanisa iiseaboard zasemazantsi nasempuma yoMzantsi Afrika; idlula malunga nee-5 km kumantla ombindi wedolophu yaseMossel Bay (Mossel Bay CBD).
Ixesha lokuqhuba nemigama esuka kumaziko angundoqo: eKapa, iiyure ezi-4 ½ , 400 km; eGeorge (ikomkhulu laseGarden Route), imizuzu engama-30, 40 km; eOudtshoorn (ikomkhulu laseKlein Karoo), imizuzu engama-60, 80 km; eBhayi, iiyure ezi-4 ½, 400 km.
UPHAPHO: IsiKhululo seeNqwelo-moya saseGeorge (+27(0)44 876 9310) sinophapho olulungiselelweyo kunye nolunokwenziwa ngokwesivumelwano (charter flights) oluya nolusuka kwiindawo eziphambili. Simalunga nemizuzu engama-25 yokuqhuba ku-N2 kwimpuma yeMossel Bay.
IIBHASI: Inkonzo zeebhasi ezihamba phakathi kweedolophu eziyiBaz Bus, iIntercape, iSA Roadlink neGreyhound zima eVoorbaai Truck Port, kwii-7 km ukusuka kumbindi wedolophu (CBD) kwicala elikumntla-mpuma wedolophu (+27 (0)44 695 1172); Bas Bus (+27 (0)21 439 2323; www.bazbus.co.za) zikwachola abantu zibabeke edolophini kwiindawo zokuhlala ezikhethiweyo.
IZITHUTHI ZENDAWO: Lo mbindi wedolophu (CBD) neendawo zawo ezinika umdla kuyo zincinci ngokwaneleyo ukuba zingabukelwa umntu ehamba ngeenyawo okanye ekhwele ibhayisekile. Zonke iinkampani ezinkulu zokuqeshisa ngeemoto zinabameli esikhululweni seeNqwelo-moya saseGeorge. INorthernhaye (+27(0)44 690 8000) neTours for South Africa (+27(0)44 620 3583) zibonisa abatyeleli iindawo ezilapha. Qhagamshelana nezoKhenketho zaseMossel Bay ngeenkcukacha ezimalunga neeteksi zabucala.














Loading...